Wednesday, 7 August 2013

The Xhosa are part of the South African Nguni migration which slowly moved south from the region around the Great Lakes, displacing the original Khoisan hunter gatherers of Southern Africa. Xhosa peoples were well established by the time of the Dutch arrival in the mid-17th century, and occupied much of eastern South Africa from the Fish River to land inhabited by Zulu-speakers south of the modern city of Durban.They were the only Nguni speaking nation who were not attacked by the Zulu warriors Shaka KaSenzangakhona ,also known as Shaka Zulu, Shaka respected Xhosas for their skills in battle.The Xhosa are a nation that came down from the north of Africa. Xhosa, the one after whom the Xhosa people are named, descended, and during his emergence from the north, he fathered Malangana. The Xhosa kingship separated when the line got to Phalo because of what happened when he married.
Ndiza kuqala kuXhosa...lo amaXhos' abizwa ngaye,Sisizwe esivela entla kwi-Afrika engasentla
uXhosa ke wazala uMalangana uMalangana  wazala uMalandela, uMalandela wazala uNkosiyamntu, uNkosiyamntu wazala uTshawe, uTshawe wazala uSikhomo, uSikhomo wazala uTogu, uTogu wazala uNgconde, uNgconde wazala uTshiwo, uTshiwo wazala uPhalo...
Ubukhosi bamaXhosa bohlukana xa bufika kuPhalo ngenxa yesenzo asenzayo uPhalo wazeka iintombi zeeNkosi ezafika kuye ngamin'inye zizokwendela kuye into eyayikade ingekho kwaXhosa, zalawulwa ke ezontombi iyekaNdayeni neyakwaGqubushe-mpulomsini yiMbizo yamaXhosa onke ephelele ngenxa yokuba ibubukumkani bawo obo .
Kwabakho umlawuli olichule leciko kumadod' awaye ekho engamaphakathi  kaTshiwo ogama linguMajeke into yasemaNkabaneni.Ekulawulweni kwabonakala uba Inkulu kwezi ntombi ke zimbini yekaNdayeni yenziwa ubukhulu, yathi le yakwaGqubushe yenziwa ukunene,walawula uMajeke indoda  enkulu endala,Ke kaloku kwagqitywa ukuba ngenxa yesi senzo singazange sibekho, umzi wasekunene mawufuduswe ubheke kude uye kuba bubukhosi obumileyo apho bamela kwa eli cala likhulu bulawulwe lilo kuba bakhiwa kwalilo,kwavunyelwana ngolo hlobo ke yathi nemizi yeenkosi ngoko ukuqala uba mayithiywe yathiywa ngoko...ke yayisenzeka eGcuwa apha ke le nto kule lali kaMonakali ngelo xesha ngoku yile lali kaMonakali ngoku yayingeyiyo ke ngoko,yayingumzi lowo wokumkani ekwakulawulwa kuwo...wathi kwalapho ke wafuduswa ke lo wasekunene wemisa pha kwaNyila kulaa nduli omnye wamiswa pha' ngaphantsi kulaa nduli ke inomzi kaGqongo ngaphants' apha ngumzi kaFesi ongaphants' apha kule lali kaNyila yodwa apho lo wasekunene  yathi yenziwa mibini apho...uPhalo ke akugqiba  ukulawulwa ke yakuba ifudusiwe lo mizi...wathi kumzi wakhe omkhulu wafuduka apha kwaqala omkhulu ke umzi, ke lomzi ngulo uzele uze umfazi wawo wazala umama kaGcaleka waya kuma eKhwenxura kwisithili saseMonti...uthe ke emveni koko ke wafuduka lo wasekunene waya kuma eQonce ngelo xesha ke eQonce apho kwakume abaThwa abemi bokuqala...kwafikwa ingabaThwa kwaliwa nabo ke nguRarabe...izizwe ke awemka nazo eGcuwa apha ke ukuze abe lapho ke,izizwe awazinikwayo ukuba ahambe nazo ezixulelwa komkhulu, ezahlulelwa komkhul' yayiyimiDange, ingamaHleke, ingamaMbalu, ingamaNtinde, inguMnqalasi ixhiba likaPhalo .uRarabe ke uzekile yena wazek' umThembukazi umGcinakazi wazala uMlawu, wazala uNdlambe, wazala uNtsusa,wazala uNukwa,Bane abantwana kwindlu enkulu,wath' ekunene wazala uCebo waze ke yena uCebo akazala...kuthe ke kwabhungwa uba makanikw' umntwana wanikw' unyana kaNdlamb' omkhul' uMdushane...uMdushane ke uzel' uSiwani uSiwani ke---
uMdushane ke uzel' uSiwaniuSiwani wazal' uMenziwauMenziwa wazal' uGushiphelauGushiphela k' uzel' uZimlindile
  ke oyiNkos' yemiDushane nguToyise ke
uNukwa lo wamagqibelo uzele uToyise--- uzel' uGaselauGasela wazal' uToyiseuToyise wazala uDom'uDom' wazala uKadeni
nguye lo ke ngoku ndithethangaye apho aphethe khona uphethe eQonce eBulembu, ke uMlawu ke yena akuba ezekile abafazi bakhe abakhulu babini ngumama kaNgqika ngumama kaNtimbo, ke kukunene uNgqika ke uNtimbo yena akazala. uNgqika e' uze--- uzele yena wazala uSandile kanti ke noko isivelatanci ke esingeyonkosi ebe sibambele uNgqika lowo nguMaqoma into kaNgqika yasekunene eyaqala yavela kukunene kwavel' ekunene unyana wabambela kwabambela uSandile...uSandile ke uzele---
uSandile uzele uGonya...uGonya wazal' uFakuuFaku uzel' u-Archie
ngulo uphay' eQonce ngoku...ukunene kukaSandile ke nguGumna...ma'khe ndiye kweli cala likhulu ke ngokwangoku ndithethayo ekunqweneleka ukuba ndiye kulo ke elikaRarabe...
uSandile ke 'be ndithe uzele uGonyauGony' wazal' uFakuuFaku wazala u-Archie
'khe ndilahle ndibheke kwinkulu yamaXhosa...uPhalo ke kulaa mkakhe mkhulu intombi kaNdayeni wazala uGcaleka. uPhalo into yakhe enkulu nguGcaleka
uGcaleka ke uzele uKhawutauKhawut' uzele uHintsauHintsa uzele uSarhiliuSarhili' uzel' uSigcawuuSigcawu uzele uGwebinkumbi, uGwebinkumbi ke uzele uMpisekhaya
uMpisekhaya ke ubhubhe engazalanga, athi ke amaXhosa afaka ke uZwelidumile umninawa wakhe owalekela yena esiswini kunin'a uZwelidumile ke yena wangumkumkani, ke akuba ebhubhile uMpisekhaya...uZwelidumile wazala uXolilizwe  uXolilizwe lo ke uzalwa nguZwelidumile
uZwelidumil' azalw' nguGwebinkumbi, uGwebinkumb' azalwe nguSigcawu, uSigcawu azalwe nguSarhili,uSarhili  azalwe nguHintsa, uHintsa azalwe nguKhawuta, uKhawuta azalwe nguGcaleka, uGcalek' azalwe nguPhalo, uPhalo azalwe nguTshiwo, uTshiwo azalwe nguNgconde, uNgconde azalwe nguTogu,uTogu azalwe nguSikhomo,uSikhomo ke azalwe  nguTshawe,uTshawe azalwe nguNkosiyamntu, uNkosiyamntu k' azalwe nguMalandela, uMalandela k' azalwe ngu--- nguMalangana.uMalangana ibe ngokaXhosa...
izizwe ke kweli cala lakwaGcaleka uthe ke uGcaleka akuzala kub' ukunene kokuqala nguRarabe uthe uGcaleka akuzala ukunene yena...
wazal' uVelelouVelelo ke yena uzele u--- uGxabauGxaba ke wazal' uDalasileuDalasile uzel' uMdabukauMdabuk' uzel' uDaluhlangauGxaba k' ekunene[uGxaba] uzele uNcambauNcamba wazala uNgxitouNgxito wazala uSitatauSitata wazala uSoya
kukunene kukaGcaleka ke oko...okukaKhawuta ke ukunen' unyana kaGcaleka omkhulu kuthiwe akukwenza uKhawuta...wath' ekunene
uKhawuta ke wazal' uBhuruuBhuru uzele u--- u--- uMapasauMapasa wazal' uXhoxhouXhoxho wazala uMabobothi
l' ukhoyo ngoku...ukunen' okulandel' oko ke ngamaJingqi kuHintsa kukunene kuHintsa kuloJingqi...ukunene kuHintsa ke nguNcaphayi ithol' lomThembukazi lasebaThenjini nasebaThenjini kwaTshatshu...
uNcaphayi ke uzele uDumalisileuDumalisile uzele uDwayi
uDwayi ke ngul' ukhoyo nangoku uDwayi unonyana okhoyo nangoku kuthiwa ngubani na noko...ke ukunene okulandela oko okaRili ke ngoku kuba kokukaHintsa oko okaRili nguMcothama...uMcothama ke inkulu yakhe nguKrazukile...uKrazukile ke uzele naye inkulu yakhe ngusi--- ewe nguBhota yabhubha mandithi ke okhoyo ngoku akuba ebhubhile uBhota nguKraz--- unyana kaKrazukile omkhulu ngu--- ok--- uba--- nguGawusha uGawusha ngul' ukwetyelwe ukuxhonywa efunyenwe enetyala lokubulal' uNgubezulu ubukhosi bakhe bushiyeke noNantsika ke ngonje noZanelanga abathi nguSelele nguye ke l' uphethe ngoku...okukaRili oko k' ukunene okukaSigcawu nak' ukunene nguXhelinkunzi uXhelinkunz' uzel' uThabathile uThabathile ngul' uphetheyo ngoku useBhojini aph' akhona...ndishiyek' apho...ndithi ke uZwelidumile unokunene naye ekuthiwa nguMadoda uMadoda--- uMadoda-onk'--- uMadod'-endlini...unyana kaZwelidumile wasekunene nguMadod'-endlini okhoyo ngoku...lirwala ke usandul' ukwaluka unina ke yintombi yasemaKwayini kwaphay' eNqadu...ngathi ke ndikugqibile ukunen' oko kukaGcaleka ngoku ndiza kukhe ndingen' emaqadini...iqadi lokuqala likaNgconde nguNtinde amaNtinde la uwabonayo eQonce liqadi ke elo...kuGcaleka ke nali k' iqadi elikhulu nguFaku...
uFaku ke uzele uRabauRaba ke uzel' uMdlabel'uMdlabel' wazal' uSibhozouSibhozo wazal' uDimandauDimanda uzele uGlifis'(Griffiths)
l' uphetheyo ngoku ngakaGcaleka ke lawo amaqadi...iqadi k' eliphantsi kwelo...nguMneke
uMnek' uzele uMdushaneuMdushane uzel' uSitokweuSitokwe uzele uNgcwelesheuNgcweleshe uzele uFundakubi
nank' eDutywa...iqadi ke liphantsi kwelo kanjaqo lizele nalo lazal' uCende
uCende wazala uJoj'uJojo wazala uMgengouMgengo wazala uVen'uVena wazala uFeltman
useSebeni ngok' aph' ami khona kumhlaba wakwaGatyan' elwandle...ndiphele ke kumaqadi kaGcaleka amakhulu ndiza kuya kwa wakaKhawuta...eliKhawuta nguNkani
uNkani ke azal' uMthiniuMthini ke azal' uBhotomaneuBhotomane ke azal' uNgqongongqongouNgqongongqong' uzel' uNdumiso
ngul' uthethayo ke ngoku ke kule ntsimbi...ndigqithe ke kula magadi kaKhawuta ndize ke ka kaHints' amaqadi iqad' elikhulu kuHintsa nguMthirara elilandel' elo nguMbongoze--- elilandel' elo nguNantsika ngu--- nguMthirara ngu--- nguMbongoze ngu--- nguLudidi Ludidi Hintsa elilandel' elo nguNdima elilandel' elo hayi mandiphel' apho...ke nali k' ixhiba likaHintsa nguManxiwa owasexhibeni...ngulowa eb' ethe ngoNgcayechibi uRili wathi xa eb' exabene noRulumente wathi maku--- iinkomo zakhe mazigcinwe nguye yonk' intsapho mayigcinwe nguye wathi ke makahlale engundilele[14] ngenxa yokuba le mfazwe le inkulu le kaNgcayechibi hleze--- hleze ewe oyiswe ukuba woyisiwe ke iinkomo zakhe mazigcinwe nguManxiwa njengexhiba uya--- uya--- uya kutya kuzo...uManxiwa ke ngokaHintsa ke wasexhibeni e--- ndenje nje kukhw' iqadi likaRili ekuthiwa kuMtoto...uMtoto ke ngokaRili waseqadini azele uNtlakomzi l' uphetheyo ngoku eChafutweni...ma'khe ndithe ke nang' amagam' eenkabi awasekwayo ngexesha likaNgconde...ma'khe ndiqale ngamaxhiba lapha eliny' ixesha ndithe nguManxiwa elinye ke ndithe nguMgwebi
uMgwebi ke lo ngokaNgxitouNgxito ngokaLutshabauLutshaba ngokaGcaleka
uLutshaba apha kuGcaleka walekela intombazana ekuthiwa nguVukela...loo ntombazana yalekel' uNqoko
uNqoko az' alekel' uKhawut' emhlana uMgwebi ke ngokaNgxito uNgxito ngokaNcamba--- uNgxito ngokaLutshabauLutshaba ngokaGcaleka wasexhibeni
unjalo ke lo mzi ke kaMgwebi kub' uMgwebi ke lo yena uzele
uMgwebi lo yena uzele uZwelinzimauZwelinzima ke wazal' uNgangolwandle
nguye lo ke useMtshayelweni eQwaninga lixhaba lalaph' elo eliphambili...kanti ke ixhiba lokuqala nguMngqalase elikaTshiwo...
lazal' uLutshabalazal' uXhonxalazala uMrawuzeli...
k' amagam' eenkabi ke [umzi kaTyhali[15] ] oo heke ma'khe ndiye kwaNgqika ke inkos' ithi ma'khe ndiye kwaNgqika 'khe ndisuke apha kwaGcalek' apha ke 'khe ndiye kwaNgqika ['zifuna zonke] heke...'be ndithe--- 'be ndithe
uHaji ngokaFakuuFaku ngokaGonyauGonya ngokaSandileuSandile ngokaNgqikauNgqika ngokaMlawuuMlawu ngokaRarabeuRarabe ngokaPhalo wasekunene
'be ndithe k' ukunene kokuqala nguMdushane nguCebo kwathatyathwa unyana kaNdlambe wanikwa uMdushane akangazali uCebo...oo ewe kwathathw' unyana kaNdlambe uMdushane wanikw' uCebo ngokungazali ekunene
uMdushane ke wazal' uSiwaniuSiwani ke wazal' uMenziwauMenziwa ke wazal' uGushiphelauGushiphela uzel' uZimlindile
lo useQonce ngoku...'be ndithe k' amaToyise 'be ndithe amaToyise la uGasela ngumninawa kaNdlambe oz' emva koNdlambe...uGasela lo walekel' uNdlamb' emhlana...'be ndithe kodwa ke mandiqale kuloo ndlu uRarabe uth' akuzala kwindl' enkulu wazal' uMlawu wazal' uNdlambe wazala uNtsusa wazal' uGasela k' owamagqibelo...uNdlambe ke yena int' yakh' enkulu yayinguDyan' noMqhayi baze ke banukwa ngokuba uyise wayegula basukelwa babaleka bachithwa ebukhulwini babo ubukhulu ke bashiyeka noMhala uMhala ke into yakh' enkulu ngMakinana...
uMakinana k' uzel' uSilimelauSilimela ke uzele ke u--- uNantsikal' uphetheyo ngoku uNgwenyenyathi...
nanku eMncotsho ngoku ndithethayo inkunzi yamaNdlambe ke yileyo...ke ekunene kukaNdlambe nguSmithi
uSmithi ke uzel' uHlathikhuluuHlathikhulu uzel' uZenzile
uZenzile nank' eDutywa...ke ma'khe ndiye ke ngoku kuMdushane uMdushane ke kukunene kukaRarabe uzele uMenziwa--- uMenziwa--- uzele uSiwani
uSiwani wazal' uMenziwauMenziwa wazal' uGushiphelauGushiphela uzel' uZimlindile
nank' eQonce...ke amaGasela wona izininawa kuNdlamb' apho ngokolekelana kooyise...uNukwa lo walekela uNdlambe
uNukwa ke uzal' uGaselauGasela wazal' uToyiseuToyise wazal' uDom'uDom' wazal' uKadeni
useBulemb' aph' akhona ngoku ndithethayo ngamaToyise ke lawo...mandize ke ngoku kokukaMlawu ukunene ukunene kukaMlawu ikulu kaMlawu nguNgqika ukunene yayinguNtimbo uNtimbo ke wayengazang' azale kwathatyathwa umninawa kaNgqika uAnta wasiw' ekunene
uAnta ke wazal' uBhobhozayouBhobhozayo wazal' uVelaphiuVelaphi uzel' uSiwabese
l' ukhoyo ngoku nguye lo aph' eMsintsana...kukunene kukaMlawu k' oko...okukaNgqik' ukunene naku nguMaqoma oyena ekuzalweni kubo bonke oonyana bakaNgqika wavela kuqala...kwazalwa uMaqoma waza ke ngoku uKhawuta wamisela yen' uba abambel' uSandile kub' uSandile wayesemncinane...uMaqoma ke into yakh' enkulu nguNamba...
uNamba k' uzel' uJamangileuJamangile k' uzel' uVelenzima
nank' apha eGqungqe ngoku int' ekunay' akaphathanga umnt' ophetheyo aph' eGqungqe nguJongizulu azalwe nguMhlabeni
uMhlabeni azalwe nguNdamaseuNdamase ke azalwe nguKona
uKona yinto kaMaqoma yasekunene unina ke ngumGqwashikazi una[16] kaKona kukunene oku ke ophetheyo l' umkhulu ke int' ebang' uba angaphathi l' umkhulu ke zinkcithakalo zeemfazwe zokusolok' amaXhos' esilwa waze ke wavela 'se kuliwe lo wavel' ehlala kulonina uNamba ngowomThembukazi yena umTshatshukazi into kaMaqom' enkulu...uvele unantsika lo uJongizulu lo ngokaMhlabeni uMhlabeni ngokaKona ngokaMaqoma wasekunene...kunjalo k' ukunene kukaMlawu kukaNgqika mandiye kokukaSandile ukunene ndikugqibile okukaNgqik' ukunene ndathi--- ndathi nguVelenzima uzelwe nguJamangile uJamangile uzelwe nguNamba uNamba yint' enkulu kaMaqoma uKona lo uzel' uMhlabeni kukunene
uKona ke wazal' uNdamaseuNdamase wazal' uMhlabeniuMhlabeni wazal' uJongizulu
uJongizulu ngul' uphetheyo ngoku kukunene kuloJingq' oko...okukaSandile ukunene naku...umkaSandil' omkhulu nguNoposi ingcwaba lakhe lilaph' eQombolo akazang' azale...mandith' ukuzala kwakhe wazal' intombi yanye yaya kwendel' emaMpondweni ewe eMzimkhulu kuMdlangavi inkosana yamaMpondo engeyonkosi nasemaMpondweni...loo ntombi yayinguFitoyi loo ntombi kaNoposi inye ikukuphela kwayo kwathatyathwa ke eqadini uGonye wasiwa kwical' elikhulu uGonye ke walekelwa nguMathanzima lo bathi lixhonti laseBholo lo e'b' epheth' imikhosi yamaNgqika...uGonye ke lo yena ngowoNgqosinikazi unina wakhe nguNolenti intombi yasemaNgqosinini umkaSandile waseqadini...waphuma k' uGonye lowo waphuma uMathanzima uGonye wathatyathwa wasiwa kulaa ndlu inkulu kaNoposi wangunyana kaNoposi uGonye wazala ke kobu bukumkani bamaNgqika
wazala k' uFakuuFaku wazala uHaji lo...
uMathanzima ke lo wasala ebuqadini
wazala uBonisaniuBonisani ke uzele ewe unyana wakhe
uMathanzima uzele uBonisaniwazal' uLindile
uLindile l' ukhoyo ke ngoku...mandithi ke uHaji ke yena--- uFaku akabanga nakunene wazek' umfazi wamnye...ke uGonye lo wafundiswa wayefundisw' eKapa...wayesisandla semantyi eQonce ukuhla kwemfazwe kaNgcayechibi...imikhosi yamaNgqika yaphathwa nguMathanzima ixhonti laseBholo xa batshoyo amaNgqika...ke uHaji ke--- u--- uFaku ke u--- uGonye akabanga nakunene uFaku akabanga nakunene uHaji akabanga nakunene kuba unyana kaHaji nguMxolisi abathi nguBazindlovu uzek' intombi kaPoto emaMpondweni ngoku ukubhosi ke bumi ngaloo ndlela...[uTyhali akukasixeleli ngaye ] mandithe ke uNgqika uNgqika uth' akuzeka wath' ekunene uNgqika wazal' uMaqoma uMaqoma ke nguyen' ungaphambili koonyana bakaNgqika bonke bephela ekuzalweni ngowoNgqosinikazi ke uNothonto una kaMaqoma...ke ekunene uzel' uMaqoma lowo ixhiba eli...ewe uTyhali ngokaNgqika wasexhibeni unina wakhe ngumQocwakazi ewe yintombi yalapha yazela k' uTyhali ke exhibeni uTyhali ke uzela uFeni wath' ekunene wazal' uNgonyama kanti ke ngobudala nguNgonyama owaqala wazalwa wavela ke noFeni ekuzalweni kanti ke noko ke ekukunene uTyhali ke uFeni ke uthe akuzala uzele yena
uNgubezulu abathi nguNtlikithiuNtlikithi ke uzel' uDikeuDike ke uzele lo kuthiwa nguQala-indawo...
uTyhali ke ekunene uzele uNgonyama wazala uNombanjana uNombanjana uzele uBomvu uBomvu ke yintang' 'am lo kanye...ke uNombanjana lo walekelwa nguSibango uSibango nank' ephethe eGodidi wapenshenwa nguRulumente ephethe...ke uNombanjana lo unyana--- uzele uBomvu uBomvu uzele le ntwan' iphetheyo ngoku phay' echebeni leKhobonqaba...umi ke njalo umzi wasexhibeni kwaNgqika...kanti k' ixhiba lakwaNgqika lokuqala nali...nguMnyaluza...ezele yena uMgodeli...wazala ke yena ezi ntwana zikhoyo lelokuqala ke elo xhiba...ma'khe ndithi ke ndiye kwizizwe ezifikileyo...ma'khe ndiye kwizizwe zasemaXhoseni ke ngoku ubukhosi ndisemi ndisabugqibile kubo [yiy' ezinkabini.heke! inkabi kaTshiwo nguMnqalazi
inkabi kaTshiwo nguMnqalaziekaGcaleka inkabi nguMtshayeIoekaKhawut' inkabi nguGojelaekaHints' inkabi nguMaliekaRili inkabi nguThisoekaSigcaw' inkabi nguZuluekaGwebinkumb' inkabi nguHolelaekaZwelidumile nguNgqaqini...
zimi ngaloo ndlel' iinkabi zimiz' 'akomkhulu kub' imiz' 'akomkhulu ngokwesiko lesiXhosa ib' ithiywa ngeenkabi...ma'khe ke 'be ndisithi ma'khe ndiye phi ke ngoku ke ukuz' andinqand' umantyi athi mandiqal' apha...oo oo ndiza kungena ke kwimihlaba yentlalo yobukhosi balapha obumane buhamba busima...
ingcwaba likaNkosiyamntu likwaZulu elikaSikhomo liseNtabankuluelikaTogu liseQhokama eNgqelenielikaNgconde liseCumngce
le ndawo bathi iBadiville inesinala le likaNgconde elo
elikaTshiwo liseNgcwangubaelikaGcaleka liseNxarunielikaPhalo lil' eliya eThongwana
phaya phay' emdeni emdeni kulaa ndlela ihla ithi isuke kuNdabakazi inkulu iya kugqitha kulaa mhlaba kaDyosini yahlul' uMthulu noDyosini isemdeni ingcwaba likaPhalo lilapho...uPhalo wafel' emaqadini amabini wafela kwelakwaMbiko wafela kwelakuloBhayi uMbiko ke sisirosha oko kukuthi kukubushula inkosi yesirosha...uMlatha eMwangwini wabhubhela kubafazi ke abazala loo madoda uPhalo...uGcaleka ufel' emaqadini kokwaboFaku kokwaboMneke [wangcwatywa phi?]
ungcwatyelw' eMsuze uGcalekauPhal' ungcwatyelw' eThongwaneuKhawuta ungcwatyelw' eMnyameni
kulo mhlaba kaNdiyalwa kwihlath' ekuthiwa yiMbubhuzela emantlok' alo ingcwaba lakhe lilapho uKhawuta
elikaHintsa ingcwaba liseMbangcolo kwaGatyana...elikaRili liseTyholora phesheya koMbasheelikaSigcawu liseMngazana phesheya koMbashe
limelene iTyholora eli noMngazana...elikaSigcawu liseMngazana
elikaGwebinkumbi liseNqaduelikaMpisekhaya liseNqaduelikaZwelidumile liseNqadu...
phay' eNgcwanguba ke kukh' into ema'khe ndiyibalule...kukho amaTshomane kukho amaNqabe kukh' amaHegebe kukh' amaTshezi...ezo zizwe ke ngok' sithetha nje wathi kub' uRulumente kaloku wayengavani nesi sizwe singamaXhosa ngokuba lukhuni nangokukhalipha wazithimb' ezo zizwe wazinik' abaThembu abaThembu ke bangena kuye ngenkonzo besilwa kwakunye namaXhosa la...wathi kuba kulawula yena nguy' inkunzi ngoku umoyisil' uRili amaNqabe ke ajoyin' ebaThenjini amaHegebe ajoyin' ebaThenjini amaTshomane ajoyin' ebaThenjini amaTshezi ajoyin' ebaThenjini zizizwe zalapha k' ezo...khumbula ke ingcwaba likaTshiwo lilapho eNgcwanguba...uyabona ke amaBomvana la ke ayeze nawo ngelo xesha amaBomvana namaTshezi ngabant' abanye int' enayo kwathi njengokuba bekhonzile kwahamba kwahanjwa kwahamba kwahamba kooninakhulu waze uRili lo waze uKhawu--- uNantsik' uHintsa wazek' intombi ka--- kaNtshunqe uNomsa yazal' uRili yazal' uRili yazala uMqoloza qha kuphela...waze ke ngonje uRili ke--- uHintsa waxhumisa le mpi eli cala eli lamaBomvana langaphezulu kwamaTshomane kuye 'se ingathi lingaphezulu nje lakhuliswa nguRili...'be ndithe kuwe ezaa zizwe zipha' amaNqabe amaTshomane amaHegebe [ezithilini zaseMqanduli] wonk' uMqanduli ngowamaGcaleka...kwathi ke ngokungev' oku kwamaXhosa uRulumente wathanda ke ukunikel' abaThembu njengabantu k' abakhonze kuye yena abamvayo kuba nam 'be ndingenje njalo kumnt' okhonze kum...abaThemb' abazange babe nalu lwandle ayikho loo nto tu! abaThembu bagxothelwa ngasentla ngasentla ngapha nguTshiwo nguTogu noNgconde bangasentla kuphela ulwandle k' ukuza kwalo luza namangcwab' eenkosi zamaXhosa njengoko zinjalo ukusukela kuSikhomo kuTogu nakuNgconde nakuTshiwo nakuPhalo ndithetha uk--- ezaa zizwe ke zipha' uMqanduli yi-ofisi yamaGcaleka ke ngok' uRulumente wathi kub' eli lizwe le lakhe wenza ngokuma kwakhe walungiselel' abaThembu kuba bekhonze kuye...khangela ke int' ekhoyo neXhor' eli wayelibanga uSabatha l' ukhoyo amaBomvan' akazang' avume ath' asizange sikhonze kowenu kubukhosi babaThembu thina sakhonza emaXhoseni...'zange sakhonza kuwe boyiswa ke ngokungavumi kwamaBomvana ebangwa yint' enye k' amaBomvana atsalwa nguNomsa una kaRili kube engudadeboyise wabo kuba uNomsa yintombi kaNtshunqe
uNtshunqe uzel' uGabusheuGabushe wazala uMoniuMoni wazala uNgonyamauNgonyama wazal' uGweb'indlalauGweb'indlala wazal' uNgubezuluuNgubezulu ke wazal' uZwelenqaba
l' ukhoyo ngoku...yiyo ke loo nto ezinye ke izizw' ezafikayo zakhonza ngamaMaya ayechithwa nguNgubengcuka [aphi? kwesiphi isithuba?] alapha ke kuGxara uMbuyazwe into kaStokwe inkulu yawo yil' ilapha kwaGatyana eNqadu ekuthiwa nguMgudlwa ngokaMgudlwa kaSobhini Mgudlwa mh...mandibuye ke ndiz' apha ke ndize kweli lizwe...ndithi ndithi umzi waseMbo wafika ngo1818 wawufika ke kukumkani uHintsa wawusukelwa ngamaTshaka uxabene nawo...waza kugalelek' aph' eGcuwa uGcu--- uHintsa wayemi kulo mzi womfundisi ngoku unecawe yaseWesile...bathe bakufika ke amaMfengu elambile esukelwa nguTshaka wawagubungel' uHintsa wawagcina...ath' akufika kuloo nyaka ala ngowesibini amaTshak' afika elandela wona...waze ke ngonje uHintsa akawavuma wawachitha ukuba angawuweli uMbashe lo abalek' amaTshak' abheka le esukelwa nguHintsa ngoku kuba eb' elandel' amaMfengu la...wathath' amaMfengu wawagcina wawakhonzisa ubukhosi bawo wabubuza wabunika inkosi ayinik' amashum' amahlan' eenkomo ekuthiwa yinkosi le...kwiinkosi zamaHlubi uMhlambiso lo ngomny' owaluswa nguHintsa...wawaba uHintsa wawab' amaMfengu wawaba amaMfengu wawabel' ubukhosi bakhe bonk' ukuba makaphile...uyabona ke l' ingapheshey' apha le nguNyila nguMvelelelo kuba wanikwa kwaVelelo...obu balaph' ubukhosi obu bakowethu ubukhosi nguNkath' eZingqayi...zathi ke neziduko zamaMfeng' ezingabantu zanikw' abantu njalo njalo...uVeldtmani lo Bhikitshi ngowasemaGiqweni kwaNgxala...nangoku uTshali lo usand' ukubhubha uyise wegqweth' eli e'b' etolik' eGcuw' apha eb' elala kuNzima es' apha kwibhodi yakuthi umphakathi wakuthi ngobuGiqw' obo uyise wayebelwe emaGiqweni nguHintsa...int' esenze sahlukana namaMfengu nabaMbo kuba eli gama lithi Mfengu litheth' inkcithakalo aba bantu isizwe abasiso ngabaMbo ibizo labo abanokubizwa ngalo Mfengu litheth' inkcithakalo...ngabaMbo aba bantu heke heke[20] kumnt' [iMfengu ngumntu ohambayo] heke heke nkosi undivile le nto eli gama lithi Mfengu asilogama lasizwe ligama lokuchithakala nokuba ngubani na uhamba emfunguza utsho ndiyamfenguza ndiyamfenguza ngabaMbo aba njengokuba bevela kwaTshaka nangoku baneziduko ezikhomba pha' kwaTshaka pha' amaDlamini namaRadebe namaHlubi ewe nabaNantsika--- nama--- namaDlambula nazo k' izizwe zipha' ke ath' akufik' apha ke wawakhonzisa k' uHintsa wavana nawo wawabela nomhlaba wokuhlala kude kubheke emaNgqamakhwe nasemaTsomo ewaxuba ezilalini zakhe uHintsa...kwaza kushumayela ke abafundisi bokuqala baseWesile ooDyani bemka bezokushumayela wabanik' ithuba bahambe beshumayela ngoThixo...kuzokufika u--- kuzokufika uElefu umfundis' owenz' uba amaMfengu ahlukane namaXhosa...ngumfundis' uElefu kukh' indlu ebhaliwey' aph' eGcuwa kule cawe yaseWesile kwathiwa Ayliff Memorial Church seso sikhumbuzo k' eso...wath' akufik' uElefu efika kuHintsa wamnik' uba ashumayele ke njengabany' abafundisi a'se begqithileyo wabanika ke bashumayela...wathi kanti udibene nalo mzi waseMbo uwuxelela ngoRulumente oya kuthi abe nenkonzo ephilileyo ngaphezu kwekaHintsa...mandithi ke waman' ukushumayela ke lo mfundisi ke ewaxelela wada wavumelana nawo uthe akuvumelana nawo...uRulumente waza kuwaphuthuma ngo1834 kuba evumelana nawo wawaphuthuma ngemikhosi engamxelelang' uHintsa engazi 'nt' uHintsa waza kumqubula ukuz' ayokufel' eNqabara uHints' ephuthum' amaMfengu wemka namaMfengu waya kutsho eNxuba eMqwashini uRulumente [eNgqushwa] eNgqushwa lo Mqhwashu k' useNgqushwa aph' ukhona apho amaMfengu wayewafungisa khon' uRulumente...nanz' izifungo wayewafungisa zona wayethi ewe ndifun' ukuba--- ndifun' uba niya kundikhonza na bathi nkosi siya kukukhonza wathi nakufundisa[21] bathi sakufundisa[22] wathi nakundilulamela bathi sakukululamela wathi nakugqobhoka bathi sakugqobhoka wathi ke imfazwe eza kum nakuyilwa nincedise mna bathi sakuyilwa nanzo ke izifungo eza zifungw' emQwashini ngamaMfengu...angabantu bakuRulumente kwelaa 'zwe ke from[23]1818 kude kuye ku1834 emka ngo1834 kuHints' apha...kwahlaleka kwahlaleka kwahlaleka kwehl' uNongqawuse...uNongqawuse ke ngo1857 uNongqawuse ke yintombi kaMhlakaza yasemaNgqosinini yayithetha eGxara apha yayithetha kule lali yaseziThenjini kule inoGlifisi
uGlifisi lo ngokaDimandauDimanda ngokaSibhozouSibhozo ngokaNzabelauNzabela ngokaRabauRaba ngokaFakuuFaku ngokaGcaleka
yayithetha ke ewe aph' eQolora loo ntombi ixela ngovuko lweenkosi ixela ngobutyebi obuza kubakho xa iinkomo zixheliwe kwalahlw' umbon' omdala...mandithi ke ndingalandi kakhulu ukulahlekis' iingqondo zenu...uHintsa ke wathumel' ubawo l' uBhotomane uBhotomane wayephi apho akhona wayeseNdwe phezulu emdeni weLady Frere apho wayephethe khona...kanti k' apho wayesuka khona wayesuk' aph' eNtlambe eyokuma eThulura eya kuma eKhwangane kule ndawo sikuyo ukuz' ay' apho esiya noRili ke ngoku uRili esiy' eHohita yena eya kuma khona...ke ngoku uNzabela ulaph' eQolora intombazana itheth' ilaph' eQolora uNzabela le ntombi ithetha ngolu vuko waya wathumel' ubawo waya wafika wakholelwa waya noRili zaya nezi nkosi zaya...intlanganiso yokugqibela yaseHohita komkhulu kuhlanganiswe zonk' ezamaXhos' iinkosi zikho [le ntomb' iphaya?] le ntombi ithetha eGxara apha kwaCentane ewe kwesikaNzabela kuloGlifis' apha le ithetha ngovuko ithetha ngobutyebi ithetha ngokuba kuza kuvuk' uHintsa ithetha ngokuba kuza kuvuk' uNdlambe ithetha ngokuba kuza kuvuk' uNgqika njalo njalo...kwakholelwa kuloo nto...ngoku ke uRili wenz' intlanganis' enkulu ku1857...wathi iinkomo mazixhelwe...wathumela ke kuSandile kwaNgqika uSandile wayephi wayemi eCumakala eStutterheim ewe yindawo enekomkhulu lakwaNgqik' elo kanti k' ingcwaba likaNgqika lona inkq' uNgqika aph' abhubhele khona ubhubhel' eXesi eMkhubiso...'se inguSandile l' ulapha eCumakala eStutterheim kanti ke uMlawu noRarabe bafela bephuthume beyokuthimb' abaThembu bafela eXuka...washiyeka ke uNgqika lo emncinane waya kwaluswa nguKhawuta esuk' apha uKhawuta esuka eNxaruni waya kumalusa eQonce...mandize kweli bali ndibalisa lona ke [uSarili[24] wabiza intlanganiso] wabiz' intlanganis' enkulu uba makuxhelw' iinkomo ayabi nakuphikwa loo nto kub' ithethwa ngukumkani waye ke naye 'se ethumele ezinye iinkosana eziphantsi kwakhe zayingqina ukuba makuxhelwe ilishwa nedini likaRulumente ukuba afuman' ilizwe yenziwa nguThixo loo nto ewe ewe ke uthi k' uMaphasa kuloo ntlanganis' inkulu ingako ukho k' uyise kaMaphasa uBhuru...inkos' eyayikho kwezindala ezingoonozala yayinguBhuru ukhona uth' uMaphasa akubon' uba kuthiwa iinkomo mazixhelwe...uthi le nto le nto le ntwana le ntwana iyacela ithi ke ebukumkanini bakowayo phambi kokuba iyabona ukuba iinkomo 'se kuvunyelwene ukuba iinkomo mazixhelwe ithi ke ma'khe kuhanjwe kuyiw' ethafeni kuye kufundw' ingca phambi kokuba iinkomo zixhelwe ziqonde ukub' iinkomo zithe zakuba zixheliwe iinkomo zavuka siqond' uba zingaphila yingca na...ma'khe kuyiw' ethafeni ndiyacela ...hayi isicelo sakhe asakhe sihambele ndawo 'zange[25] sikhathalelwe salahlwa wasuka wajika woyiseka k' uMaphasa...zaxhelw' iinkomo kwathunyelwa kuSandile uSandile waxhela...kwathunyela naku--- ewe nakuSigidi elaph' eMpethu zaxhelw' iinkomo...kodwa ke nakwaNgqika uTyhali akazang' axhele uKhama akazang' axhele ewe neziny' iinkosi ubuninzi azaxhela kanti nakwaGcaleka ngokunjalo waxhela k' uRili nezinye noSandile bobabini ngobukhulu babo wath' uSandile int' eyenziwa nguRili andinakungayenzi ndiya kuzixhel' ezi nkomo wazixhela...kwathiwa ke kuya kuhlalwa iintsuk' ezisibhozo licebo k' elo elibonakal' uba lenziwa elalo nkohliso kuba bayaz' uba iintsuk' ezibhozo ukuba zigqithile akukho mntu uya kuphila...zegqith' iintsuk' ezibhozo laphum' ilanga kwathiwa lakuthi lakuphum' ilanga lakuba lapha lijike liyokutshona kwasempumalanga 'zange liyenze loo nto laaphuma laya kutshona mandithi imiqondiso ayizang' iphumelele emveni kokub' iinkomo zixheliwe zaxhelwa zagqitywa tu akukho miqondiso yakhe yenzeka kwabonakala ke ngoku ke ukuba abantu mabachithakale...uRili ke waya kulonina kwaBomvana kuba kaloku amaBomvana wathi makangaxheli yena kophilwa ngawo akaxhela ke amaBomvana...wa--- wathi ke zakuphel' iinkomo akubon' ub' uxokisiwe waya kwaBomvana waya kuhlala khona kwaMoni...uMaphasa lo waya kwantombi yakhe eGqili emaVundleni uBhuru wathi yen' akanakuhamba wahlala phantsi wathi eb' elulamel' ubukumkani bakhe ngako oko ke nxa le nt' ingenakuphumelela yen' ufun' ukufel' apha wahlala phants' uBhuru wabuya uDengana ewe okwa ngumTshawe wenzala kaGcaleka waza kuhlal' ecalu kwakhe ebukhosini...wabuy' uTyindye owaluke noBhuru umphakathi wakhe waya kuhlal' ecalu kwakhe wabuy' uMaphonya into yaseMaMpingeni yaza kuhlal' ecalu kwakhe wabuy' uNgqelenga into yasemaBambeni yaza kuhlal' ecalu kwakhe bafa kunye naye loo maphakathi yindlala...abantu abafayo bamalunga nesigidi nguNongqawuse...kwachithakalwa ke uBhotomane waya phi yena wabheka kwaMhlontlo ebukhweni bakhe kulonina kabawo [kwaQumbu?] kwaQumbu kanye kanye nkosi wabheka apho waya kuhlal' apho...waze ke uRulumente wafika akubon' uba umhlaba lo akukho mntu uRil' umkile noBhotomane bemkile yonk' into...wawuthimb' uRulumente wathath' amaMfengu la eb' ewase phesheya kweNciba wawathumel' apha wawamis' eGcuwa wawamis' eNgqamakhwe wawamis' eTsomo...waza wathi la mhlaba uRili e'b' ekuwo noBhotoman' e'b' ekuwo eNdwe lo wakuCofimvaba wawunik' abaThembu ooMatanzim' aba waqal' ooMatanzima benyuka besuka ngapha' eGqili bez' apha ngoku kuba 'be besuka bengenakusondela nganen' apha ngeloo xesha kwakuhamb' uRil' apha hayi ba' bengenakusondela uRulumente wabanika laa mhlaba...ma maMfengu uwabonayo la...emva kukaNongqawuse wawanika loo mhlaba uRili ke wahlala wahlala wahlala wathumel' uBhotomane wathumel' unyana wakhe uDalasile baye kudibana noRulumente ukuba makabuye eze nganeno kulo mhlaba uthi uRulumente ndiwuthimbile oseGcuw' umhlaba ndiwuthimbile oseNgqamakhwe ndiwuthumbil' oseTsomo ndiyinik' emaMfengu loo mihlaba laa ndandiwathath' apha ndiwasa phesheya kweNciba ndiwabuyisele kuloo mihlaba ke lowa uRili wayekuwo kanye ndiwunik' abaThembu...ke ndithi makabuye eze kwaCentan' apha kulo wakwaCentane ndiyamnika wona naseDutywa ewe nakwaGatyana makeze...[wabuya?] naseXhora wabuya k' uRili waza kuba lapha kuHolela...uBhotomane ke wabuyela aph' eNtlambe eNtlambe ew' eThuthura eNkondwane eRwantsana ziindawo zakho k' ezo...kwahlaleka ke konwatyiwe kwahlaleka ke konwatyiwe kwahlaleka ke konwatyiwe...kuthe phay' eBawa kwesikaNqenqa emaNzotshweni pha' nanga kwasilw' utywala bomtshato wentombi wonyana kaNgcayechibi uKhewuthi ezek' intombi kaMsamo udadeboNazo eBawa...kwakho loo mgidi 1877 loo mgidi...kwehla impi kaMaphasa uMaphas' apho wayekho--- wayelawulwe khona nguRili wayemlawule eKhobonqaba [eGobe] eGobe heke eGobe...imizi yakh' ib' ilaph' eGobe kanye kule ndawo inoFredi Soga ineskol' esidala phezu kweGobe kanye wayelapho k' uMaphasa impi yakhe izokuthi xha ngoXhobane lo...uyabona k' ukuma ke ngoko ke kwakungenziwa le ngxinano kwakuthiwa sa sa sa sa yaza kuma phesheya kwale yakuthi yenzelw' umda yenzan' umda ngeThuthura eli nale yakuthi impi kaMaphasa yakwaXhobane pha' yawela khona ke le mpi yakwaMaphasa yaya kusela pha' kwaNgcayechibi...nanzi iinkos' ezawelayo ngoNgcayechibi inkosi yaseTsonyane eyawelayo yile...nguMxoli
uMxoli ngokaMbuneuMbune ngokaKhawula
owaseqadini owenziwa umninawa kaBhuru...oonina phofu ingemnyanga...nguye k' owawela ke nala madoda ndiza kuwabiza wayehamba noNkunzana wayehamba noStemela wayehamba noThwana wayehamba noLudwange wayehamba noNcitha wayehamba no--- noThwana into yasemaBambeni namany' amanene ke 'se nditheth' abalulekileyo amadod' awayehamba nawo...ngawo ke la aqhal' imfazwe kaNgcayechibi ath' akuhlutha ukumka kwelanga ath' endaweni yokub' agoduke afun' uba makanikw' utywala afun' uba anikw' utywala kwathi kwakulandulwa athi iimbiz' e'be zibolekiwe akaziboni afuna zona...akavuma kumka akuhluth' anxila kwas'ke ke ngoku ke kwathi nxa kuphum' iMfeng' isiya kuchama nayo 'se inxilile ibambelele ngesandla kuMxoli lowo...yabethwa ke ngokub' ibamb' inkosi ngesandla iyiMfengu kwaliwa ke ukuze kuliwe ke ngoNgcayechibi kwaba njalo...yayiliTsonyana likaBhuru elo lalisenza loo nto...wathi akuyiva ke uBhotomane loo nto wathumela kuRili ukuba iTsonyana lilwile lilwe namaMfengu... wathi ke uRili kuBhotomane phuthum' iinkomo zamaMfeng' ezo kuba kwakuthinjw' iwaka... waziphuthuma k' uBhotomane eKhobonqaba kwaMaphasa lathunyelwa ke iwaka...ke kaloku ke uRulumente nxa eb' efun' ukuxoxa noRili ngale nto yenziwe nguMaphasa uxoxa ke uRulumente enemikhosi awayehamba nayo iinjengel' ezi kwakukh' imikhosi eyayiseGwadane imityin' emithathu emikhulu kaRulumente ikho l' iseBika...ithe k' uRili enentlanganiso yale nto kuHolela...yathi ke laa mpi ikwaGatyana yakubona ke le mikhos' iseGwadane yabon' uba mayingayi komkhulu...iya kuthi x' iya komkhulu intsapho yayo iya kubonw' icinezelw' ibulawe mayise isifa nentsapho yayo yase ifunza ke kwaliwa ke lachithwa ke leyo kaRulumente yayiyiqalil' imfazwe yachithwa waye uRili engekazi nto yath' ukubuya kwempi le yakhe ichithile yoyisile imoyisile uRulumente yathi uRulumente simoyisile silwile naye pha' uth' uRili 'be nithunywe ngubani na ngubani onifunzileyo kuba 'be ndinentlanganiso apha 'be ndithe yizan' apha khon' uba 'be nicinezelwe 'be nikhathala yintoni kuba 'be nibizwe ndimi andifuni kulwa kuliwe ngokutya kubi ukulwa ngokutya nixel' impi kaMaphasa le ndisathetha nayo...hayi 'se konakele waye ke uRulumente ke 'se efunza ukuze kuliwe ngoNgcayechibi uze lo mhlaba [uRil' engafuni] uRil' engafuni mh!...kwas'ke kwenzeka yas'ke yamoshwa ngamaVelelo namaNdluntsha namaMbombo kaNgubo la aqal' uRulumente ngos'k' ambone uba nanku athi wona uza kuwo abe esithi akanakuya kuHolela pha' ashiye imikhosi yiyo le 'se isiza...ke iza kucums' intsapho ase efunza kwaliwa ke yathi imikhosi le kaRulumente okokuqala yakhe yachithwa...waphinda ke uRulumente waza kunora[27] akazi kuyeka ukuze kuliwe kwaba njalo le yaseBika 'se iye yesibini...waqala ke uRili ke eBik' apha hayi wachithwa...imini k' ezinkulu ekufunzwa kusas' ilanga litshone iindawo nanzi...kukh' imin' 'aseNgunduza eMsintsana awu amangcwaba aseplandeshini[28] l' ilinyiweyo iphay' eNgunduza amangcwaba kaRulumente ewe amajoni akulaa plandeshi le ilinyiweyo awayesilwa noRili...loo mini ke yimin' 'aseGwadane imin' 'aseBika imin' 'akuHolela imini yaseNgunduza imin' 'akwaKhwabakazi imin' 'aseChebe imin' yaseSebeni imin' 'akwaCentana iimini ewe zase--- zakuMpame nakuCwede naseGuze aph' uRili wayefunwa khona 'sele oyisiwe ngoku waya kuzinikela...uBhotomane uNgubo uJoyi yayizinjengele zemikhos' ezo zagutywa wagutywa uRili ke woyiswa ngoNgcayechibi lathinjwa ke eli lizwe lalawulwa nguRulumente kuba kunangoku...ma'khe ndime ndenzel' ub' undibuze nawe kweziny' iindaw' ongandibuza zona...ubukhosi bamaGqunukhwebe ma'khe ndiye kubo[29] ...ma'khe ndiye kubo...amaGqunukhwebe ayengenabukhosi amaGqunukhwebe ngamaNqarwana...lo mnt' uzokubusa ebusiswa nguPhalo uPhalo ngokuya aph' eNx--- eNantsika e--- e--- eKhwenxura nguKhwane nguGaba ngamagos' amakhulu ke lawo...uGaba ke ngowamaNgqosini ingengawo l' afike mva la ayefike kuqala angamaphakath' amakhulu ke lawo ayakuthi xa umntu onileyo kuthiwe makaye kulahlwa ngawo...wathi kant' uKhwane elahl' aba bantu kuthiwa nje bonile banezono kant' akabalahli ubagcina kule ndawo kuthiwa yiAlexanda ngapha ngaseRini...ithe ke kwafika uMjobi inkosi yamaNgqosin' ivel' eLusuthu ichithakile yenje njeya yaze ke yathi yakufika kuPhalo wayenik' umhlaba wob' ime yema ke...wayixelela ke ukub' iphantsi kwakhe mayaz' uba ngumhlaba wakhe lo iphantsi kwakhe yavuma loo nto nayo uba izokukhonza kuye ngok' iqhube yaqhuba yaqhuba yathi yakulunga yakuhlala kakuhle yakonwaba...yath' amatyal' aba bantu yath' izibheno ayazisa kuPhalo yajika yathimba...uPhalo k' ubuza loo nto kuMjoli ke uthi hayi ngabantu bam aba ndize nab' eLusuthu uthi hayi ngumhlaba wam lo nguw' owawuze kukhonza kum apha utheni ngoku uhluthi ngoku yintoni...wathi hayi ngabantu bam aba waya kohlwaywa k' uMjobi wathi andiyi kukuphela andiyi kwenza nto yimbi ndiya kuthimba ndiyeke kubantu bam ayingobakho wathi ungumntu wam wena...uliphiwe ndim eli lizwe...ke ndiza kukohlwayo ukub' akuva uth' akuva uthi andiva wamohlwaya ke...yathi yakuhlangan' impi yokuya kohlwaya kuthiwe impi yathi yakohlwaywa l' impi yachithwa le kaPhalo...wafunz' uGcaleka ngeyakokwabo ngeyakhe yachithwa wafunz' uRarabe yachithwa...wafunz' uMnqalase ixhiba likaPhalo lachithwa...wathi k' uKhwane wacinga ngala magqwira wayewafihl' eMnyameni wawaphuthuma esithwe ngamahlathi afunza wachithw' uMjobi...waqonda k' ub' uPhalo eb' esechithiwe noonyana bakhe bechithiwe nexhiba lichithiwe...ngoku ke yazi ke kudala ubukhosi 'be bungokukhalipha...yakuba ke yoyisiwe yoyisiwe woyisiw' owoyisiweyo...ngoku ke wathi akuchithw' uMjobi wachithwa wajika wazinikela...kwathiwa ke nantsi k' into xa uzinikelayo obu bukhosi 'be sikunike sathi yiba yinkosi sibuphelisile akuyi kuphind' ube yinkos' apha...int' ekukuyo uza kuba yibhodi int' ekuyo wena sikubonil' uba ulukhuni ukhaliphile...iinkos' ezi nxa zalukayo ziza kufukanyiswa nguwe...ziza kwaluswa nguwe [ingubani lo!] nguMjobi uMjobi uza ewe ke ziza kusekelwa nguwe uza kuba bubulunga bazo uza 'ba siza kukwenza uba uqinise zona ngoku kukhaliph' ukhaliphe ngako...wenjiwa njalo k' amaNgqosini ayasekela ayalusa ayafukamisa int' awagwentywa ngayo loo mini ngenxa yokuba lukhuni kutshiwo kuMjob' inkosi yawo...igama lenkabi yakhe yayinguMbudlu umzi kaMjobi kuthiwa kukuloMbudlu kwaMjobi...ke nanga nazi izizwe awayesiza nazo eLusuthu uMjobi nazi...ngamaVundle ngamaLaza ngamaMvulane ngamaKhumbeni ngamaQadi izizw' ezihlanu awaza naz' eLusuthu...ke ngok' uMjob' akoyiswa ke wagwetywa ke wenziw' ibhodi wenziwa ke uba mayibe nguye owalusayo afukamise asekele...kwaba njalo intombi yakhe xa zingekho iintombi zabaThembu yiy' eya kuphum' inkosi...kwenjiwa njalo...xa zingekhoyo ezabaThembu nezamaMpondo...yiy' eya kuphum' inkosi...ke uPhalo ke wenz' intlanganis' enkul' eNxaruni hayi e--- e--- eNantsik' eKhwenxura...wathi nants' into kwakuba kuzele impi yakhe yonke wathi nants' into ubukhosi bam 'be buse bumka namhlanje bumka nomnt' o'be 'ze kukhonza kum 's' endoyisa kuvele lo mphakathi unguKhwane...weza nala magqwira ndithe makalahlwe ngezono zawo kant' akawalahl' uyawagcina kuliwe ke ndoyisile ke ndimoyisil' uMjobi...nantsi k' into ngoku lo mphakathi namhlanje ndiza kuthi ndiza kumnik' ukukhosi ndiza kumpha ubukhosi...ndithi makabuliswe makuthiwe aa! Khwane! yadum' intlanganiso yonke yathi aa! Khwane!...yathi ke amagam' emizi yakho yobukhosi wathiye njengokub' ndiwathiya nam eli gama lobutshawe ndiya kunika uba uhlonitshwe ngalo njengokuba ndihlonitshwa ngalo kodwa phantsi kwam amatyala--- aba bantu u--- ndi--- undiphumelelise ngabo ndiyakunikela ibe ngabantu bakho kodwa ke izibheno zakho mazize kum [ngamaGqunukhwebe ke lawo?] ngamaGqunukhwebe ke lawo...ke ndithi namhlanje mka komkhulu hambokum' eBhira...uthiye amagam' eenkabi uKhwane ke wemka ke waya kum' eBhira waqala ke wanabo bukhosi wabunikwayo wabuliswa wathiywa ke umzi wakhe ngenkabi kwathiwa kuloMangxwala emaGqunukhwebeni ekunene kuseMjadwini kwaKhama uKhwane ke uzele uTshak' int' yakhe enkulu yanguTyar' ekunene...
uTshaka uzele uCungwauCungwa ke uzele uPhatho
inkulu yakhe wath' ekunene wazal' uKhama
uPhatho k' uzel' uDiliniauDilinia uzel' uNambauNamb' uzel' uMkhanya...
uMkhanya ngezi mini useGqunube wobukhosi bamaGqunukhwebe...ke
uCungwa ekunene--- uCungwa ekunene kuka--- kukaTshakauKham' ekunene kukaCungwa
uKhama lo kukunene kukaCungwa uCungwa--- uKhama ke uzele uMani wazal' uHilini...i-ofisi yakhe aph' ikhon' iseXesi yamaGqunukhwebe ngoku ndithethayo ngezi mini...baba njalo k' ubukhosi bamaGqunukhwebe mhla afuman' ubukhosi babo babunikwa nguPhalo ukumkani owabunikayo ebunikela emi--- eKhwenxura...ndiyaphela ke apho kuleyo indawo[30] ...'be ndifuna ukukhe ndenz' imid' embalwa malunga ewe namaphakathi alaph' amakhulu ingengawo onke amaphakath' amakhulu apha kwaGcaleka nakwaNgqika iza kuba ngamadod' ambalwa ke andifuni kufeza onke amaphakathi lingatshon' ilanga...ndiza kuxela ndizam' ukuchaza le nto le nt' iziinkosi le nt' ibukumkani basemaXhoseni iyelele kubant' abamhlophe umbuso wabo kuba banamaphakathi abathethelwa ngawo inkos' iba nequmru eliphantsi kwayo eliphendula iindaba nezivela kuRulumente nezivel' ezizweni iphendule ngeloo qumru lixox' iquneru linikele yon' ithethe kunjalo ke ngokwesiko lesiXhosa...kwicala lakwaGcaleka emaXhoseni apha kwicala lakwaGcaleka ngawo la...uNumber one ngu--- nguSijako into kaBhacela into kaKhwaza
nguSijako kaBhacelakaKhwazakaNgqiyakaWohle
ngumphakath' omkhulu walaph' emaXhoseni olandela uKhwane lowa wayesebenzel' ubukhosi xa ukumkani uPhalo wayesilwa noMjobi...ulandela yena ke lo mphakathi uKhwaza uSijako lo
uSijako ngokaBhacela, uBhacela ngokaKhwaza, uKhwaza ngokaNgqila, uNgqila ngokaWohle, uWohle ngokaThotywayo...
omnye k' umphakathi ngulo nguHedeni nguHlangabeza nguMake nguNtsheco nguHena nguGege nguWohle yiyona nt' inkulu ke kaWohle ke u--- eli cala likaMake ebuphakathini...uMadolo ngokaKhwaza wasekunune...uMabala ngokaNgqila waseqadini ekunene nguMagele...ngamaphakath' alaph' amakhulu lawo ke ndiwabizayo akwaGcaleka iseken--- alandelayo ke ngala nguRuneyi uyise nguQeqe
uQeqe ngokaGanya,uGanya ngokaMpulu...
yinduna ke leyo ke ekwa nkulu elandela leyo ke ngu--- nguGwatyuza into kaNjimbane yasemaMpondweni unomninawa wakhe uWolela...omny' umphakathi ke owalekela lawo nguMsasa into kaTatsi emaNdluntsha...akho ke amany' amaphakathi awona makhulu ngala kwicala lakwaGcaleka la ndiwaxelileyo alandela uMajeki...'khe ndiye kwaNgqika uNumber one nguTyhala
uzele uNtsangana, uNtsangana wazal' uMhlontlo, uMhlontlo wazal' uMmoshi
l' usisibond' eNxaxho yinduna ke kweli cala lakwaNgqik' enkulu ekungekh' ingaphezu kwakhe...uNumber two nguSoga uSoga ke int' 'akhe enkulu nguFestile...uFestile k' uzel' uHenry wazala uJoni...ngumphakathi k' omkhulu wakwaNgqika ke lowo bobabin' abo olandela lowo ke nguQukwana ozel' uMbhoyi
uMbhoyi wazala uNdesana, uNdesana wazal' uMlawuli
uMlawuli ngul' useMsebe yinduna ke enkulu yakwaSandile leyo elandel' eziya...nanzi ke nantsi k' eny' induna nguGaqa uzel' uNzima uzele uHokisi uHokisi uzele ewe lo uphetheyo ngoku uNantsika heke hayi uphethe eNxaxha uKheyisela heke ngumphakathi lowo kanjaqo olandela lowo ke nguSomana uzele uGwebinibiza l' uphetheyo ngoku apha apha eKhobonqaba eKhobe gxebe...nango ke amaphakathi amakhulu akwaSandile alandela lawo ke ngu--- olandela lowo ngu--- lawo amaphakathi alandelayo ke nanga nguVuso ozel' uZimasile uphay' eQombolo ke omnye ngu--- nguGeza ozal--- ozala uSifingo nank' eQombolo...owesithathu nguFalakhe nank' eNgxizela ngamaphakath' amakhul' akwaSandile...ndicacisa ke ubukhosi basemaXhoseni ke xa nditshoyo ndimile ke kulawo akho k' amanye ngawona makhulu macal' omabini lawo ndicacisa ukuthi ubukhosi basemaxhoseni ayiyonkosi yodwa kant' ayinanduna...ubukhosi basemaXhoseni bunenduna buyalawulwa...bunequmru eliphantsi kwabo eliphantsi kokumkani elingumlomo wakhe noba liza--- nobuRulumente ufun' uba ukumkan' athethe uya kuthetha ngenteth' ayifumene kwelo qumru lakhe njengokuba eya kuthi alibize ngexesh' aya kulibiza ngalo...ukutsho ke kukuthi ndiyema apho.


Notes

Ncedo Papi.  "Origins of the Xhosa,

uXhosa ke wazal' uMalangan'...uMalangana ke wazala uMalandela...uMalandela wazala u--- uNkosiyamntu...uNkosiyamntu wazal' uTshawe...uTshawe wazala--- wazala uS--- u--- u--- uMa--- una--- wazala uSikhomo...uSikhomo wazala--- uSikhomo wazala--- u--- uTshiwo--- u--- uTshiwo--- uSikhomo wazala uTogu...uTogu wazal' uNgconde...uNgconde wazal' uTshiwo...uTshiwo wazal' uPhalo.
This is the genealogy as outlined in J. Henderson Soga's The South-Eastern Bantu (Johannesburg: The Witwatersrand University Press, l930):
Mnguni
||
Xhosa
||
Malangana
||
Nkosiyamntu
||
Tshawe
||
Ngcwangu
||
Sikhomo
||
Togu
||
Ngconde
||
Tshiwo
||
Phalo
||
Gcaleka
||
Khawuta
||
Hintsa
||
Rili
||
Sigcawu
||
Gwebinkumbi
||
Ngangomhlaba
This is the genealogy noted in W. B. Rubusana, Zemk' inkomo Magwalandini (Frome [Somerset] : Butler & Tanner, 1911) 226, 230:
Bathi abakhe bawulanda lo mnombo weNkosi uqala kuXhosa into kaMalangela. uXhosa uzele uTshawe, uTshawe wazala uNgcwangu, uNgcwangu wazala uSikhomo, uSikhomo wazala uTogu, uTogu wazala uNgconde....Inkulu kaNgconde nguTshiwo....uTshiwo uzele uPhalo....uPhalo uzele uGcaleka....uthe ke akufa uGcaleka washiya uKhawuta....uKhawuta ke uzele uHintsa....uHintsa uzele uSarili....uSarili uzele uSigcawu....uSigcawu uzele uGwebinkumbi....
[8] una:unina.

List of Xhosa Chiefs



  • Chief Sipho Mangindi Burns-Ncamashe Ah! Zilimbola, Chief of AmaGwali, Alice
  • Chief Justice Thandathu Mabandla Ah! Jongilizwe, Chief of AmaBhele (Tyhume), Alice
  • Chief Alphin Mbuso Mqalo Ah! Thandisizwe, Chief of AmaKhuze, Alice
  • Chieftainess Nosizwe Tyali, Chief of Imingcangathelo, Alice
  • Chief Elijah Mgijima Ah! Zwelonke, Chief of AmaHlubi akwaRharhabe, Sheshegu, Alice
  • Chief Doyle Mpuhle Jongilanga Ah! Vulindlela, Chief of ImiDushane yaseLwandle, East London
  • Chief Phato Ah! Zweliyandila, Chief of Amagqunukhwebe ase Lwandle, Tsholomnqa, East London
  • Chieftainess Nosiseko Gaika,(Ngqika) Chief of Amambombo , Keiskammahoek
  • Chief RBS Kubashe Ah! Ntabazijongene, Chief of ImiDange, King William's Town
  • Chief Ludwe Siwani Ah! Ngubesizwe, Chief of ImiDushane kaNdlambe, King William's Town
  • Chieftainess Nomasilakhe Komani, Chief of Imingqalasi, Bhisho
  • Chief Sibulele Mhlambiso, Chief of AmaNgqikambo, Middledrift
  • Chief Siseko Kama Ah! Dilizintaba, Chief of AmaGqunukhwebe, Middledrift
  • Chief Lent Whyte Maqoma Ah! Zweliyazuza, Chief of AmaJingqi, Seymour
  • Chief Hamilton Mxolisi Makinana Ah! Zwelihlangene, Chief of AmaHala, Peddie
  • Chief Zolile Njokweni Ah! Vusuhlanga, Chief of AmaDabi, Peddie
  • Chief Simon Mthobeni Hebe Ah! Dalubuzwe, Chief of AmaHala (Thembu), Zweledinga, Whittlesea
  • Chief Xhanti Zimema, Chief of ZuluKama, Hewu, Whittlesea
  • Chief Zamakile Langasiki Aah! Makhalendluvu , Chief of the AmaNgutyana Bizana
  • Chief Mabhelonke Majeke Ah! Zamukulungisa, Chief of AmaBhele, Qumbu
  • Chief Onesimo Langeni Ah! Skhosana, Chief of AmaBhele AseLangeni, Mthatha
  • Chief Mwelo Nonkonyana Ah! Zanemvula, Chief of AmaBhala, Flagstaff
  • Chief Mthandeni-maBhele Mabandla Ah! Mathandela, Chief of AmaBhele, Tsolo
  • Chief Ngangomzi Pokwana Ah! Jongumhlaba, Chief of AmaZizi, Dutywa
  • Chief Ngubo Mgcotyelwa Ah! Zamukulungisa Chief of AmaSeme, Libode
  • Chief Mangaliso Bokleni Ah! Jongusapho, Chief of Gibisela, Ngqeleni
  • Chief Mdedeleni Ngubenani Ah! Zwelinjani, Chief of AmaTshezi, Mthonjana, Mqanduli
  • Chief Mandla Mandela Ah! Zwelivelile, Chief of Mvezo Traditional Council
  • Chief Sango Phathekile Holomisa Ah! Dilizintaba, Chief of AmaHegebe, Mqanduli
  • Chief Dumisani Gwadiso Ah! Vulisango, Chief of AmaKhonjwayo, Ngqeleni, Eastern Cape
  • Chief Manonwana Mpangele, Ah! Zwelixolile, Chief of AmaGcina, Lady Frere, Eastern Cape
  • Chief Samuel Siganeko, Ah!Jolirhamba, Chief of AmaGcina , Lady Frere, Eastern Cape
  • Chief Zwelakhe Dalasile, Aah! Zwelakhe, Chief of AmaQwathi, Engcobo, Eastern Cape
  • Chief Dumisani Mgudlwa, Aah ! Zwelenqaba, Chief of amaJumba, Engcobo
 Presently approximately 9.2 million Xhosa people are distributed across the country, and Xhosa is South Africa's second most common home language, after Zulu, to which Xhosa is closely related. The pre-1994 apartheid system of Bantustans denied Xhosas South African citizenship because they were regarded as most fierce and politicaly dangerous to the South African Apartheid government,because of their British education they mostly acquired,they did not fear or respected the super white race, the South African government made them outcast in the Apartheid South Africa,  but enabled them to have self-governing "homelands" namely; Transkei and Ciskei  now both a part of the Eastern Cape Province where most Xhosa remain. Many Xhosa live in Cape Town (iKapa in Xhosa), East London (iMonti), and Port Elizabeth (iBhayi).
As of 2011 the majority of Xhosa speakers, approximately 5.3 million, lived in the Eastern Cape, followed by the Western Cape (approximately 2 million), Gauteng (9970,045), the Free State (3642,192), KwaZulu-Natal (319,826), North West (314,461), Mpumalanga (56,553), the Northern Cape(81,228), and Limpopo (17,225) .A few clan names of amaXhosa and their descendents and relatives :
  • Bhayi (Khetshe, Mkhumbeni, Msuthu – they belong to the amaVundle people/group)
  • Bhele (divides into several sub-clan groups: Dongo, Langa, etc.)
  • Bhukhwana (ooMbara, Mtshobo, Phaphulengonyama, Into ezingaphathwa mntu ngoba zizinkosi ngokwazo)
  • Cethe (ooChizama)
  • Cirha (ooNcibane, Nojaholo, Ntswentswe, Qhanqolo,Mhlantla, Sihlobo SikaPhalo, Hlomla lidala lineempondo, MGcaleka) by Ncedo Papi
  • Deyi
  • Debeza – OoDebeza, ngoJebe, Nonyanya, Nongoqo, Mbeka Ntshiyini Bathi uqumbile, Khonkcoshe Mbokodo engava mkwetsho (These are royalty in the Amampondomse group. Their main concentration is in the former Transkei, in Tsolo, Qumbu and Umthatha in the Eastern Cape.)
  • Dlamini (or Zizi,Jama kaSjadu, Mabetshe, Bhanise, Ngxib'inoboya, Fakade the clan name of Thabo Mbeki, khatsini, mtikitiki, nomana ndab'azithethwa intsuku ngentsuku,bhengu, nonyathi an Mfengu subgroup)
  • Mdlane, Tutuse, Mdimba
  • Dlomo (different lines, Thembu or Hlubi subgroups)
  • Dontsa- oNoDlidlu, oNoDlabathi, oSwahla, oMntungwa uNdukuMkhonto, uShembe, bath' uDontsa akananyongo kant' abay'bon' uba igqunywe ngesbhadlalala so mhlehlo... (Hlubi clan)
  • Dosini
  • Dzanibe(Nqolo,Gaba kaThsayisa,Mntu wasemanzini,Ndzabedvolo,abakhibexonya-bengalaluki,ningayiqabi mpobovana nizawudlula nabadluli bendlela,Ndzathsane,Mahlambahlaletyeni,Nomvalo etc
  • Faku (Nyawuza, Thahla, Ndayeni, Mpondo, Hlamba ngobubend'amanz'ekhona)
  • Gaba (Mngqosini, Mjobi, Thithiba, Cihoshe, Nozinga, Mnt'womlambo, Thikoloshe, Ndoko, Mbokodw'emnyama Kahili, Msuthu)
  • Gadluma
  • Gambu (Memela, Msuthu Nontuli, Ngwekazi)
  • Ganu
  • Gatyeni (Mamali,ndondela,nkomo zibomvu,nywabe, indoda uyivumi nepokoto, ocubungu)
  • Gcina, Helushe, Xhamela Ncancashe, Magwebulikhula, Malambedlile, Nokwindla, Thyopho (Bahamba bepheth'isali – ihashe bakulifuman'emlungwini. The Gcina clan is originally from Lady Frere in the Eastern Cape. The amaGcina are thought to be kings of Lady Frere as they are the dominant clan. Mawande Ntantiso
  • Amagcina Amarhula(Xhamela Ncancashe, Nogawul'ikhula, Malambayendle elambel'inyama yenyamakazi, nokwindla, uthyopho,uhamba epheth'isali ihashe ulifumana emfengwini, izinto zabantu abazibi koko bayazigcina, bathi iigusha ziziduli zethafa, ibhokhwe ngumnqabaza wehlathi,Isizukulwana sika Nomagwayi, umbon'obomvu wase mbo. #SISONKE SIWAYI#
  • Gebe (a Bomvana clan name)
  • Gqunu
  • Gqwashu (with Khoikhoi ancestry)
  • Gqwarhu – omhlophe, Khawu, Ntenge, Mtabasa ka Dingana, Jalamba
  • Gxarha, Cwerha, Vambane, Mahlahla, Mlawu, Potwana(Mpodomise subgroup clan name)
  • Hegebe
  • Jola SingaMampondomse ngohlanga, ooJola, ooJoliNkomo, ooMphaNkomo, ooQengeba, nomakhala, njuza, sthukuthezi, sithandwa mhla kukubi, hoshode, hakaha, mfaz' obele 'nye omabele made, oncancisa naphesheya komlambo
  • Jwarha (Mtika, Mazaleni, Jotela, Khatiti, Mnangwe, Mayarha, Mbelu, Ndabase, Bantw'abahle noba bapheth' izikhali,
  • Khawuta
  • Khiwa (Qwebeda) (Khonjwayo,Ngcekula, Ndzondela, Hlaka, Ngetu, Phoswa, Silwanyana, Makalanyana, Sikhehlana a Pondo clan)
  • Khonjwayo Isizwe noMnombo (Tribe Genealogy): Sizakuwubeka ngokokuzalwa kwabo, sithatha nje iintloko zabo,,,,uChithwayo uzala uKhonjwayo, uKhonjwayo azale uKhiwa, uKhiwa uzele uNgcekula(Inkosi eyayiphethe ngexesha lakudala ihlonitshiwe)uNgcekula uzele uNdzondela kwindlu yake enkulu(Great House) ,noNtsikinyani ekunene(Right House).UNdzondela wazala uHlaka, uHlaka wazala uNgetu, uNgetu wazala uPhoswa, uPhoswa wazala uSilwanyana, uSilwanyana wazala uMakalanyana, uMakalanyana wazala uSikhehlana, uSikhehlana yena uzala uTatana. Ngoku singena kwinzala yendlu yasekunene kaNgcekula, uNtsikinyana uzele uMakhanda, uMakhanda wazala uNogemane kwiGreat House, kwiRight house wazala uThungana. Masiqale kwindlu enkulu, uNogemane uzele uGwadiso(Dumile), uGwadiso wazala uGodloza, uGodloza yena wazala uNtenteni, uNtenteni wazala uGobizithwana(uZwelidumile) waza ke yena uGobizithwana wazala uDumisani inkosi enkulu ephethe isizwe samaKhonjwayo ngoku. Kanti ke uThungana yena wobunene buka Makhanda uzele uSithelo, uSithelo wazala uPhonyela, uPhonyela wazala uMakhizinyani, uMakhizinyani yena wazala uHlathikhulu, uHlathikhulu yena uzala uThulani.
  • Khumalo (Mfengu clan name)
  • Khwetshube (Mpondo clan name)
  • Kwayi (Ngconde, Togu, Ubulawi, Ngcond'oneentshaba, etc.)
  • Madiba (the clan name of Nelson Mandela, a Thembu. Important rulers and chiefs include Mthikrakra, Ngangelizwe, Dalindyebo, Joyi, Jumba, Sabatha, Buyelekhaya)
  • Maduna (Gubevu, Nokhala, an Mfengu clan name)
  • Mambi (Nxontsa ka Xesibe, , uBhulingwe kuvele imamba, uNtabazikude zikuMganu,Mntshontsho uSabela uyabizwa emazibukweni)
  • Manci(Mbali, Wabane, Tshitshis'intaba, Mdludla ka Bekiso, Zinde Zinde Zinemiqala)
  • Maya (omaya oyem yem osophitsho, omagwa, ongqolomsila, obhomoyi)
  • Mahlangu
  • Matshaya Mbathane
  • Mbanjwa, Gebane, Mpethwane, Gubulundu, Nongoma, Ntimela, Mhlabeka, Mantiyantiyane
  • Mbatha
  • Mbotho
  • Mdlangathi: Mome mome Sirhama Somntwana, Juta, Ngwenduna, Mencwa, ntshozina, Nobhedu, Ntaba ayikhonjwa ikhonjwa Ngamadlangathi odwa
  • Mfene Lisa, Jambase, Hlathi, Buswayo, Canzi, Sanzanza
  • Mgiqwa, magele, thotywayo, jikijwa, mvaba
  • Mhaga (noSabe, Amawel'ukuzana, uQwetha no Gqubushe)
  • Miya, Gcwanini, Sibewu, Sijekula, Salakulandelwa
  • Mjoli (Rheleshe,Qubulashe, Wushe, Jiyeza, Nonina, Bharhuza, Fusani)
  • Mkhwemte Dabane Sgadi Mekhi Ntswentswe Fulashe Nojaholo Ncibane Qhanqolo Ntlokwenyathi Ngququ venge
  • Mpangela, Mvinjwa, Rhoshana, Ndlazi, Dlomo, Sibetho, Magwala, Gwadzi elisilika bubuhle.
  • Mpehle : Cabashe, Dikane, Notyedo, Goc' iNyonga, Masila, Nkomo z'bomvu( a Mpodomise clan name)
  • Mpemvu : uJali ,uJuda, uNtlotshane, Bumela, uNgciva(a Thembu clan name)
  • Mpinga, Mbetshane, Hlahla lamsik' umntu es*ndeni, ngceza, Sintila, Nyaw' zinoshukela, mzukulu kaSityulu, kheth 'omthandayo, Mawawa, ): the clan of Enoch Sontonga, author of "Nkosi Sikelel' iAfrika", part of National Anthem of Republic of South Africa.
  • Mtakwenda (Leta, Libele, Tyebelendle, Ngcwadi, Kwangeshe, Mentuko, Mboyi, Solizembe)
  • Mthunzi (Nyukwana, Homposhe, Njifile, Ntibane, Pepepe, Thambo lihlab'elimzondayo, Qabel'eliweni, Mthwakazi)
  • Mvulane (Ncilashe, Msuthu – they belong to the amaVundle people)
  • Mweli (Jili, Msingawuthi, Ngqambela, Masengwa, Mchemane, Sibakhulu, Mkhont’ obomvu, Ntlangwini's enebathat yaseMakhuzeni)
  • Myirha Mzondi Sampu Ziyeka (Ithambo lenyoka lihlaba elimzondayo)
  • Ncuthu
  • Ndaba (Tshibase, Bhadela, Mntungwa, Nonunu, Nomangcangca, Nogubela)
  • Ndala (Ndala ka Momamana, uMncotshe, Msunu Sdumbu, Thole, Ngxunga Smukumuku, Ndithinina )
  • Ndlovu Mntungwa Gengesi Malunga Mancoba (zidlekhaya ngokuswela umalusi)
  • Ndlela (sibhekuza,nodabekhula,nodada,nala)
  • Ndzaba (Msuthu, Bhili, Mancoba, Gase, Mwelase) into ezehla ezintabeni/ezinkahlambeni zishubele ngenqatha lehashe...
  • Ngcitshane
  • Ngxongo
  • Ngwanya
  • Nkomo (Mntungwa, Khumalo – amaMfengu. They are originally Ndebele from Natal and arrived in as refugees in Thembuland in 1828 during the time of the Mfecane wars.)
  • Nkwali (Mfengu/Hlubi clan name: bhukula, Mkhwanazi, Nkwali ye Nkosi). The Nkwalis’s were born ebukhosini (kingdom) buka Ndwandwe and they were famous during the rule of Dlomo the Thembu king. Nkwali originate from Mkhwanazi ka Ndwandwe. Nkwali joined the amaHlubi tribe. Nkwali gave birth to Mlabatheki who gave birth to Bukula. Same as Bukula, Maphela also comes from Nkwali. Mapela (Xhosa name for cockroach) got the name because he was so wealthy that his wealth was all over like cockroaches.
“…Abakwa Nkwali bazalwa ebukhosini, kunjalo nje baduma kakhulu ngolawulo likaDlomo. UMlabatheki wayengumfo wakwaNkwali; yena uzala uBukula, lo ufungwayo ngabo. uBukula ngulo wamisela uNtsele kubukhulu bamaHlubi, gokusuka amkhelele amanzi ngophondo ukuba awase kuise-mkhulu uDlomo. AbakwaMaphela isekwa ngabakwaNkwali. Balifumana eli gama kuba ubutyebi babo buska banyakasela ngokwamaphela, kwaba se kusithiwas ngabakwaMaphela. “Ngabakwa Nkwal’ enkosi, Enyon’ engadliwa ngabafokazana idliwa ngamakhosi. Ngabakwa Buz’ elikhul’ elagedl’ umhlanga, Kwavel’ amaBuz’ abuzwana. NgabakwaNongubo-ntloko. Abanye bazitetil’ abanye bazithwele. Inkwali yintak’ engcondo zibomvu Edla ikhethe lomfula”…” Source: IZiduko zama Hlubi, ngu Henry Masila Ndawo. Published by Lovedale Press, 1939. Found at Rhodes University Library. Last updated 12/03/2013 nguNkwali, uBukula, uThando wakwa Mjebeza kaNokuni ozalwaNgumsithi yena ozalwangu Mjebeza eGobozana eQonce.
  • Nompunzi ((thole lempunzi), Gcodi, Lusalu, Catala ka Qoyi, mbumbulu inye zingabambini ziyadubulana)
  • Nozulu (Kheswa, Mpafane, Mchumane, Mpangazitha, Macocobela, Mbanguba, Thukela) by AD
  • Nqarhwane (ooZduli, ooHintsabe, ooMaqhula, ooHlabilawu)
  • Ntshilibe
  • Ntshiza, Gubha, Manqashe, Ngonyama, Mpuml'inkulu, Malilelwa zintombi ith'iNtombi, "Bhuti ndizeke ndingowakho nokubaw'unankomo".
  • Nxasana
  • Nxuba (Mduma, Rhudulu)
  • Nyawuza (Faku, Mpondo ruling line, chiefs including Faku, Sigcau, Bokleni, Ndamase)
  • Nzothwa
  • Mqadi Ngqwili Nondlobe,Ngcwina,
  • Qhinebe – Gqugqugqu, Zithonga-zthathu, Haha, Mlunjwa, Mkhomanzi, Duka namahlathi,konjanémnyama idlalémafini.
  • Qocwa (Zikhali Mazembe, Jojo, Tiyeka, Butsolo Beentonga Mbizana, Mabombo)
  • Qoma (Qomukuyitya, Nyoyela, Nwaba ndikwenze, Singqu, Sisiqobo eso) by AD
  • Qithi (Ndinga, Nkomo ayizali izala ngokuzaliswa, Yem-yem, Sopitsho, Ngqolomsila, Velabembhentsele, Zondwa, Thembu)
  • Thwane (Fulela wanetha, Mfazi olivila, Mpemvu,Sabelo, Wuwu)
  • Mqwambi, Holomi
  • Qwathi – Iinkomo zikaXesibe, zikaJojo, zikaMtshutshumbe, ogqaz'indlel'ebhek'ebuNguni. (The amaQwathi are not a clan but an independent nation founded by Mtshutshumbe kaMthetho who split from the amaXesibe nation and settled in the Mqanduli area in Thembuland some 350 years ago. Later they settled in their present capital of Engcobo during the reign of King Dlomo of abaThembu, about 1680. This small but fiercely independent and anti-colonial nation divides into several clans: amaDikela, amaTshaba, ooSdindi, ooBhlangwe, ooBhose, amaNzolo, imiNcayi, amaNtondo, amaKhombayo, ooMkhondweni, amaVumbe, ooKhebesi, amaBangula, amaDumba, ooMhotho, ooCakeni, ooBhabha, amaMvala, amaDabisa, ooS'ximba, etc. Prominent chiefs include the heroic anti-colonial Stokwe ka-Ndlela, the courageous Dalasile kaFubu, the great Fubu himself (who fought and killed both Rharhabe and his son Mlawu in 1782, defended his capital and defeated Madzikane of the Bhaca in 1824 and Matiwane of Ngwane in 1828 during the Mfecane wars triggered by Shaka, etc.), Zwelakhe (present chief))[2]
  • Rhadebe (Bhungane, Mthimkhulu, Ndlebentle'zombini, Makhulukhulu, Mafuz' afulele njengelifu lemvula, Mashwabada owashwabadel' inkomo nempondo zayo, Mbucwa, Zikode (amaHlubi)Ngelengele, chamelemanzini
  • Rhoyi
  • Sithathu – means "third" (the third Khoi-khoi ancestry clan)[oChisana, Khopoyi, Ndebe, Hasa,Lawu]
  • Skhosana (Skhosana, Novaphi, Mntungwa, Ntuthwana, msikamhlanga, uNtuthu uyeaqhuma zonke izizwe zabikelana zathi ngabakwaSkhosana. Dunga) by Onesimo Langeni
  • Skhoji (A group of Xhosa speaking people who mainly occupy the small town called Tsolo on the Tsitsa valley. They are the direct descendants of a Scottish man by the name of William Saunders who befriended a Xhosa girl and later had issue.)
  • Shiya
  • Sonani
  • Sukwini (with Khoi-khoi ancestry) – [Chwama, Dibashe, Lawu'ndini, Nja-bomvu, Sandlala-ngca, Ithole loMthwakazi, Tiki ayivumi napokotho, unnqayi linqindi,imvaba yiketile]
  • Thangana (Krila,Mtengwana, Rhaso, M'bamba, Bodlinja, Gobingca)
  • Thole (Gqagqane, Buzini, Ndlangisa, Mzimshe, Lwandle)
  • Tolo (Hlubi clan name – Dlangamandla, Mchenge, Mabhanekazi, Zulu, Vumbalempongo liyanuka)
  • Tshangisa (Zulu, Skhomo, Mhlatyana, Rhudulu, Nxuba, Mngwevu)
  • Tshawe (the ruling house among all the Xhosa. Chiefs include HintsaSigcawuSarhiliXolilizwe, etc.)
  • Tshezi (the ruling Bomvana clan of the Jalamba-Gambushe line, with European shipwreck ancestry)
  • Tshomane (with shipwreck ancestry, split from the ruling Nyawuza clan of the Mpondo)
  • Tshonyane (The clan name of Chris Hani) -Aphuma kubelungu abatyekezwa yinqanawe) – Chungwa, Dikiza, Sawu, Sido, Saba Tota, Simnke, Khwane, Hani, Zulu, Mth'uzimele, Gqunukhwebe, Nkomo z'bomvu
  • Xesibe (AmaXesibe are a nation made up of several clans and tribes but their history is not well documented. Common clan names are: Nondzaba, Mbathane, Tshomela ka Matsho,Matshaya,Makhuma).
  • Xhamela (They are also called amaGcina, found in Thembuland).
  • Zangwa (Khwalo,Mlanjan, Ncuthu, Sohobese, oonkuma – amaMpondo).
  • Zulu (Ntombhela, Mahlahlula emaduneni, Tshaka)

Major Xhosa-speaking nations or groups[edit source | editbeta]

Not all Xhosa speaking people belong to the amaXhosa nation whose rulership descends from amaTshawe (the Gcaleka and Rharhabe rulerships. The amaXhosa nation are the descendants of the line of Tshiwo to Phalo who begot Gcaleka and Rharhabe. Some people make the mistake of saying all Xhosa speakers are Umzi kaPhalo. The House of Phalo split into the amaGcaleka and amaRharhabe and the kingdom is presently being fought over between these two Xhosa houses. The issue of a Xhosa kingdom remains unresolved.
These nations or groups include:
  • AmaBhaca (descended from Madzikane, chief of the amaNgwane, killed during the invasion of Thembuland in 1828)
  • Gqunukhwebe
  • AmaMfengu (amaHlubi, amaBhele, amaZizi, amaNgwane, etc.)
  • AmaMpondo (Pondoland; their kingdom is in dispute, like that of the amaXhosa)
  • AmaMpondomise (their kingdom was destroyed by British colonists in revenge for the killing of magistrate Christopher Hope by Mhlontlo's forces during the Anti-Colonial Revolt of 1880. The revolt was led by Mhlontlo of the amaMpondomise together with Gecelo of the amaGcina, Dalasile and Stokwe of the amaQwathi and Squngathi of the abaThembu).
  • AmaQwathi (Qwathiland)
  • AbaThembu (their kingdom is in dispute between the Matanzima and Dalindyebo descendants).
  • AmaVundle
  • AmaXesibe (Xesibeland
  • AmaXhosa (Xhosaland; the kingdom is in dispute between amaGcaleka and amaRharhabe)
The AmaMpondo have their separate lineage that is traceable from Sibiside to Dlemini to Njanya, to Mpondo and Mpondomise (twins) and Xesibe. The descendants of Mpondo are Santsabe, Sukude, Msiza, Ncindise, Cabe, Gangata, Bhala, Chithwayo, Khonjwayo, Ngcoya, Hlamandana, Tahle, Nyawuza and many others. The descendants of Xesibe are Ntozabantu to Ndzuza to Miyana to Bimbi to Nondzaba who begot Hlabe to Mthetho to Mtshutshumbe who founded the amaQwathi nation. Mtshutshumbe begot Mndwana begot Ncobe begot Nkovane begot Ntswayibana begot Dikela. The amaMpondo, amaMpondomise, amaXesibe and amaQwathi nations are related but the amaQwathi settled in Thembuland more than 350 years ago and as a result Qwathi chiefdom is more Thembu in culture and political association.


1 comment:

  1. I want to know Mayo -umqhwashu unqika ukhauta ubhodlela

    ReplyDelete